Ecclesiastes 3:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako ndabona ukuba akuko nto elungileyo, ngapezu kwokuba umntu avuye emisebenzini yake; ngokuba oku kusisabelwa sake; ngokuba eya kuziswa ngubanina, ukuba akangele oko okuya kubako emveni kwake?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndaqonda ke ukuba akukho nto ilunge ngaphezu kokuba umntu avuye ezenzweni zakhe; ngokuba kusisabelo sakhe oko. Ngokuba uya kungeniswa ngubani na, ukuba akubone okuya kubakho emveni kwakhe?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndaqonda ke ngoko, ukuba akukho nto ilunge ngaphezu kokuba umntu axhamle imisebenzi yakhe; ngokuba kusisabelo sakhe oko; ngokuba ngubani na oya kumzisa ukuba akubone okuya kubakho emva kwakhe?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ndabona ukuba into emfaneleyo umntu kukwanela, axhamle imigudu yakhe, kuba kambe eso sisabelo sakhe. Kakade ngubani onokumbonisa oko kuza kwenzeka za sele engekho?