Ecclesiastes 4:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndabuya ndagqala yonke imibandezelo eyenziwayo ngapantsi kwelanga: kekaloku nanziya inyembezi zababandezelweyo, kanti bebengenamku̔zi; nasesandleni sababandezeli babo bekuvela ubudlwengu, kanti bebengenamku̔zi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndabuya ke mna, ndakubona konke ukucudisa okwenziwayo phantsi kwelanga. Ndazibona iinyembezi zabacudisiweyo, bengenamthuthuzeli; esandleni sabacudisi babo kuphuma ububhovubhovu, bengenamthuthuzeli bona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndabuya ke mna, ndabubona bonke ububi obenziwayo phantsi kwelanga; yaye kwicala labacinezeli kwakukho amandla; Ke bona bengenamthuthuzeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwakhona ke ndathi ndakukhangela ndayibona ingcinezelo ekhoyo apha phantsi kwelanga. Awu, iinyembezi zabo bacinezelweyo; ibe ke kungekho namthuthuzeli! Ewe, akukho mntu ubathuthuzelayo, ibe ke bona abacinezeli baxhaswa ligunya.