Ecclesiastes 4:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akuko ukupela kubo bonke abantu, kubo bonke abepambi kwabo; noko, abo balandelayo abayi kuvuya ngaye. Ngenyaniso oku kokungendawo nokukatazeka kwomoya nako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akukho kuphela kwabantu bonke, kwabo bonke angaphambi kwabo; ukanti amavela-mva akayi kuvuya ngaye. Ngokuba kwanaloo nto ingamampunge nokusukelana nomoya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akukho kuphela kwabantu bonke, kwanabo bonke angaphambi kwabo; nabasemva kwakhe abayi kukholiswa nguye. Ewe, kwanaloo nto ingamampunge, iwuthuthumbisa umphefumlo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, baba baninzi kakhulu abantu abamlandelayo kangangokuba bangabi nakubalwa. Kambe ke sona isizukulwana esilandelayo asibi saba namdla kuye. Ngenene nale ke into ikwangamampunge nokusukelana nomoya.