Ecclesiastes 4:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuko omnye, kungeko owesibini; ewe, akanamntwana, akanamninawe; uti wonke umzamo wake ungapeli noko; kwa iliso lake alincanyiswa bubutyebi; kanjalo akatsho ukuti: Ngubanina endimzamelayo, nendivimba umpefumlo wam ubuyolo? Oku kokungendawo nako, ewe, ngumsebenzi onzima.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kukho oba yedwa, ongenaye owesibini, ongenanyana namzalwana;ingena siphelo imigudu yakhe yonke, angahluthiyo noko bubutyebi amehlo akhe. Akatsho ukuthi, Ndaphukela bani na, ndiwuhlutha nje umphefumlo wam okulungileyo? Kwanaloo nto ingamampunge, ingumzamo ombi yona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kukho mnye, akakho owesibini; ewe, akanamntwana nabantakwabo; nangona kunjalo, yonke imizamo yakhe ayipheli; alihluthi iliso lakhe bubutyebi; Athi, Ndiya kukhonza bani na, ndiwuhluthe okulungileyo umphefumlo wam? Ikwangamampunge, ewe, yingxaki ebuhlungu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nanko umntu ohlala yedwa, kungekho owesibini: akananyana namntakwabo, kodwa uxhabashile, uyasebenza engaphezi; noxa kunjalo amehlo akhe akaneliswa bubutyebi bakhe. Ude athi: “Ngubani endibulalekela yena, ndide ndizivimbe ulonwabo kangaka?” Ewe, nale into ngamampunge; ngumzamo ophuthileyo!