Ecclesiastes 5:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bumnandi ubutongo bosebenzayo, nokuba yinto encinane, nokuba yinto enkulu ayityayo; kodwa ubuninzi bosityebi abumvumeli ukuba alale ubutongo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bumnandi ubuthongo bosebenzayo, nokuba incinane, nokuba ininzi into ayidlayo; ke intabalala yesityebi ayisivumeli ukuba silale buthongo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bumnandi ubuthongo bosebenzayo, nokuba incinane, nokuba ininzi into ayidlayo; ke bona ubutyebi besityebi abukulalisi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umntu ophangelayo ulala athi yoyi, noba utya kancinci, okanye ke uyahlutha. Ke bona ubunewu-newu besityebi busitsho siphuthelwe.