Ecclesiastes 5:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako oku bububi obuhlungu nako, ukuba njengendawo zonke zokuza kwake kwoba njalo ukumka kwake: aze abe nenzuzo yanina ozameleyo umoya?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwanale nto bububi obusisifo, ukuba eya kumka kanye kwanjengoko weza ngako: unalungelo lini na ke owaphukela umoya?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kananjalo bububi obukhulu, ukuba uya kuhamba ngeendlela zonke njengoko weza; yaye uba yintoni umphumo walowo ubetha umoya?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe ngenene, ibuhlungu le meko! Umntu umka eyiloo nto ebefike eyiyo. Kumncede ntoni ke ukusebenzela ilize?