Ecclesiastes 5:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nanku oko ndikubonileyo mna: kulungile, yinto entle, ukuba umntu atye, asele, adle ubuyolo kuwo wonke umzamo wake azamayo ngawo ngapantsi kwelanga, ngenani lemihla yobomi bake ayipiweyo ngutixo; ngokuba oko kusisabelwa sake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nantsi into endiyibonileyo mna, ilungile, intle: into yokuthi umntu adle, asele, abone okulungileyo ngemigudu yakhe yonke aphuka yiyo phantsi kwelanga, ngokwenani lemihla yobomi bakhe amnikileyo uThixo; ngokuba kusisabelo sakhe oko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bona ke endikubonileyo: kulungile, kumnandi ukuba umntu adle, asele, abone okulungileyo kokubila kwakhe konke, akwenzayo phantsi kwelanga, yonke imihla yobomi bakhe, amnikayo uThixo bona; ngokuba kusisabelo sakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ndifumanise ukuba eyona nto ilungileyo nefanelekileyo ukuba umntu ayenze kukutya asele, akuxhamle enelisekile ukubulaleka kwakhe ngezi ntsukwana zimbalwa aziphiwe nguThixo apha phantsi kwelanga. Kaloku eso sisabelo sakhe.