Ecclesiastes 5:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo bonke abantu abapiweyo ngutixo ubutyebi nendyebo, ukuba ubanikile amandla okudla kuzo, nokutabata isabelwa sabo, nokuvuya emzanyeni wabo, kusisipo sikatixo oku.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kananjalo wonke umntu, athe uThixo wamnika ubutyebi nokuqweba, wamnika negunya lokudla kubo, athabathe isabelo sakhe, avuye emigudwini yakhe: sisipho sikaThixo eso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kananjalo wonke umntu, athe uThixo wamnika ubutyebi, wamnika negunya lokudla, adle, abone okulungileyo emisebenzini yakhe; sisipho esivela kuThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, umntu xa ephiwe ubutyebi nezinye izinto eziphathekayo, aze futhi uThixo amnike inyhweba yokuzixhamla ezo zinto, kufuneka akuxhamle enombulelo ukubulaleka kwakhe – kaloku eso sisipho esivela kuThixo.