Ecclesiastes 5:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Unganxami ngomlomo wako, nentliziyo yako maingakaulezi ukuku̔pa into ebusweni bukatixo: ngokuba utixo esezulwini, kanti wena usemhlabeni: ngako oko maabe mancinane amazwi ako:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Musa ukungxama ngomlomo wakho, intliziyo yakho ingaphangi ikhuphe ilizwi phambi koThixo; ngokuba uThixo usemazulwini, ke wena usehlabathini; ngenxa yoko amazwi akho makabe mancinane.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Musa ukungxama ngomlomo wakho, intliziyo yakho ingaphangi ukuthetha phambi koThixo; ngokuba uThixo usemazulwini, ke wena usehlabathini; ke ngoko amazwi akho kufuneka abe mancinane.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Qiqa phambi kokuba uthethe; musa ukungxama ukwenza izithembiso kuThixo. Kaloku yena usezulwini, ube ke wena ulapha emhlabeni; ngoko ke amazwi akho makabe mbalwa.