Ecclesiastes 5:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa ubonayo ukubandezelwa kwamahlwempu, nokuhlutwa kwobugwebo nobulungisa, elizwaneni, ungati nqa pezu kwomcimbi lowo: ngokuba kuko opezulu elinda opezulu, nabapezulu pezu kwabo bona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba uthe wakubona ukucudiswa kwehlwempu, nokuhluthwa kokusesikweni nobulungisa elizweni, musa ukumangaliswa yiloo nto; ngokuba oyena uphakamileyo ukhangele phezu kophakamileyo;kukho abaphakamileyo naphezu kwabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba ubona ukucinezelwa kwehlwempu nokugqwethwa komthetho nokusesikweni kwelinye ilizwe, musa ukumangaliswa yiloo nto, kuba oyena uphakamileyo uphakamileyo kunoyena uphakamileyo, yaye ukho nophakamileyo kunabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sukumangaliswa xa ubona abantu abahlelelekileyo becinezelwa, bengazelelelwa kummandla othile, bengenzelwa ubulungisa nokufanelekileyo. Kaloku igosa ngalinye livelelwa lelinye, aze ke xa ewomabini avelelwe ngamanye angentla kuwo.