Ecclesiastes 6:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ngubanina okwaziyo oko kulungele umntu ekudliweni kwobomi, ngenani lemihla yobomi bake obungendawo, ayidlulisayo njengesitunzi? ngokuba ngubanina ongaxelelayo umntu oko okuya kubako emveni kwake ngapantsi kwelanga?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba ngubani na owaziyo okumlungeleyo umntu ebomini, ngangenani lemihla yobomi bakhe obungamampunge, ayigqiba njengesithunzi? Ngokuba ngubani na onokumxelela umntu into eya kubakho emva kwakhe phantsi kwelanga?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba ngubani na owaziyo okumlungeleyo umntu ebomini, ngangenani lemihla yobomi bakhe obungamampunge, ayigqiba njengesithunzi? ngokuba ngubani na owaziyo okuya kubakho emva kwakhe phantsi kwelanga?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umntu angayazi njani eyona nto imfaneleyo umntu kobu bomi bufutshane buphuthe kangaka? Ewe, obu bomi buthi phinzi njengesithunzi. Ngubani onokumxelela into eya kwenzeka apha phantsi kwelanga akuba engasekho yena?