Ecclesiastes 6:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nanku umntu opiweyo ngutixo ubutyebi, nendyebo, nodumo, ude umpefumlo wake ungasweli luto kuko konke akukanukayo, kanti utixo akamnikanga amandla okudla kuko, koko owasemzini ekudla. Oku kokungendawo nobuhlungu obubi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
yindoda uThixo ayinike ubutyebi, nokuqweba, nozuko, ungasweli umphefumlo wayo nanye into engayinqwenelayo, aze uThixo angayiphi amandla okuyidla; ngokuba idliwa yenye indoda.Ngamampunge lawo, sisifo esibi eso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umntu athe uThixo wamnika ubutyebi nozuko, ongaswele nto emphefumlweni wakhe, kuko konke asukuba enqwenela ngako, kodwa uThixo akamnikanga gunya lokuzidla; udliwa ngowasemzini; asinto, asinto sisifo esibi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
nditsho into yokuba umntu anikwe ubutyebi nguThixo, aze abe ngumfo omi kakuhle nohlonelwayo, ade angasweli nto ayinqwenelayo, kambe ke uThixo angamniki ithuba lokuzixhamla, ndaweni yaloo nto kuvele owasemzini azixhamle ezo zinto. Ewe, ngamampunge le nto; iyimeko ebuhlungu.