Ecclesiastes 6:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakuba umntu ebeya kuzala ikulu labantwana, ahlale iminyaka ibe mininzi, ide ibe yinto enkulu imihla yeminyaka yake, ukuba umpefumlo wake awukoliswa bubuyolo, nokuba kanjalo akanancw̔aba, nditi: Isisu esipumayo silungile pezu kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba umntu uthe wazala ikhulu labantwana, wadla ubomi iminyaka emininzi, yamininzi imihla yeminyaka yakhe, umphefumlo wakhe awahlutha zizinto ezilungileyo, kananjalo akaba nangcwaba: ndithi mna, imvambilini ilungile kunaye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba umntu uthe wazala ikhulu labantwana, wadla ubomi iminyaka emininzi, yande imihla yeminyaka yakhe, umphefumlo wakhe awahlutha zizinto ezilungileyo, angangcwatywa; Ndithi, ukuzalwa engalindelekanga kungcono kunaye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umntu noba anganekhulu labantwana, aphile imihla emininzi, phofu angabuxhamli ubumnandi bobomi, angènzelwa umngcwabo onguwo, mna ndithi akunani kwaumntwana ovele engasekho kunaye.