Ecclesiastes 7:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uti emhleni wobutamsanqa ube nobuyolo, nasemhleni welishwa ugqale, — ukuba kwa lo njengawo nalowo uwenzile utixo, ngetuba lokuba umntu angafumani nto eya kuba ngasemva kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngomhla wentsikelelo chwayitha, nangomhla wobubi qonda kakuhle, ukuba nalo, kwanjengalowa, wenziwe nguThixo, ngenxa enokuba umntu engafumani nto emva kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Vuyani ngomhla wentsikelelo, niqondele imini yobubi;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngamathuba obumnandi yonwaba; ngemihla yobubi qonda kakuhle ukuba kwale njengaleya yenziwe nguThixo. Ngoko ke akukho mntu uyaziyo into eza kwenzeka kamva.