Ecclesiastes 7:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Oku konke ndikubonile emihleni yam yokungendawo: kuko ilunga elibubayo ekulungeni kwalo; kanjalo kuko okohlakeleyo ohlala kade enkohlakalweni yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Le nto yonke ndiyibonile ngemihla yam engamampunge: kubakho ilungisa elitshabalalayo noko linobulungisa, kubekho ongendawo ophila ixesha elide, noko angendawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Le nto yonke ndayibona ngemihla yam engamampunge: kubakho ilungisa elitshabalalayo noko linobulungisa, kubekho ongendawo ophila ixesha elide, ngenxa yobungendawo bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kobu bomi bam bungamampunge ndizibonile zonke ezi zinto: Ndibone umntu olungileyo efela ebulungiseni bakhe, ngokunjalo ndabona nomntu okhohlakeleyo ephila ubomi obude benkohlakalo.