Ecclesiastes 7:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kulungile ukuba ubambelele koku, nokuba ungayekisi isandla sako nakoko; ngokuba lowo umoyikayo utixo eya kupuma kwezonto zonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kulungile ukuba ubambelele kule nto nakuleya, ungasiphumzi isandla sakho; ngokuba owoyika uThixo uphumelela kuzo zonke ziphela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kulungile ukuba uthe wabubamba; ewe, musa ukusisusa isandla sakho kuyo; ngokuba owoyika uThixo wophuma kuyo yonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bambelela kwezi zinto zombini, kungabikho oyiyekelelayo. Umntu omoyikayo uThixo uya kuwaphepha omabini la macala.