Ecclesiastes 7:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kulungile ukuya endlwini yesililo, ngapezu kwokuya endlwini yesidlo; ngokokuba oko kukukupela kwabantu bonke; woti ke opilileyo akubekele intliziyo yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kulungile ukuya endlwini yesijwili kunokuya endlwini yemigidi; kuba oko kukuphela kwabantu bonke, aze ophilileyo akunyamekele ngentliziyo oko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kulungile ukuya endlwini yobumnyama ngaphezu kokuya endlwini yemigidi; kuba kukuphela kwabantu bonke; yaye ophilayo uya kukubeka entliziyweni yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kungcono uye emzini onesililo kunokuya emzini onetheko, kuba kaloku ukufa sisiphelo sabantu bonke. Ngoko ke abantu ngebeyithathela ingqalelo le nto.