Ecclesiastes 7:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
oko umpefumlo wam usakufuna, kanti andikufumani: indoda inye pakati kwabaliwaka ndiyifumene, kodwa umfazi pakati kwabo bonke aba andimfumananga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
obumana ukuyifuna umphefumlo wam, ndingayifumani, nantsi:indoda enye ewakeni ndiyifumene, ke yona inkazana kulo lonke andiyifumananga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Okufunayo umphefumlo wam, ndingakufumani; indoda enye ewakeni ndiyifumene; andifumananga ntokazi phakathi kwabo bonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
lo gama umoya wam wawusaphengulula ndingekafumani nto – ndibhaqe indoda yanye kwiwaka ethe ngqo, kodwa yena umfazi onjalo andimfumananga phakathi kwabo bonke.