Ecclesiastes 8:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
NGUBANINA onjengelumko? ngubanina owaziyo ukutyilwa kwendawo? Ubulumko bomntu buyakanyisa ubuso bake, nokwomelela kwobuso bake kuyaguqulwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngubani na onjengesilumko esi? Ngubani na okwaziyo ukuconjululwa kwendawo? Ubulumko bomntu bukhanyisa ubuso bakhe, buguqulwe ubungwanyalala bobuso bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngubani na onjengesilumko? kwaye ngubani oyaziyo inkcazo yetyala? Ubulumko bomntu bukhanyisa ebusweni bakhe, nokonakala kobuso bakhe kuya kuguqulwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yaz'ba ngubani eso silumko singaziqondayo ezi zinto? Ngubani ongayichazayo intsingiselo yezi zinto? Kaloku ubulumko buyabuswabulula ubuso bomntu, atsho ayeke ukumatsheka.