Ecclesiastes 8:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo ke ndibonile abakohlakeleyo bencw̔atyiwe, babuya beza; bati abo bakwenza okufaneleyo bemka endaweni yoyingcwele, balityalwa esixekweni. Oku kokungendawo nako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ekubeni kunjalo, ndibone abangendawo bengcwatywa, begoduka;besithi endaweni engcwele bemke abo benze okulungileyo, balityalwe kuloo mzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bangcwatywa ke abangendawo, nabaphumayo, nababephumileyo engcweleni, balityalwa kuloo mzi bebewenzela; kwaye ngamampunge.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, ndibabonile abantu abakhohlakeleyo bengcwatywa, bathi shwaka, kanti ke nâbo bangena bephuma endlwini kaThixo besenza ubulungisa, kwanabo bayalityalwa esixekweni. Ewe, kwanaloo nto ngamampunge!