Ecclesiastes 8:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba umgwebo ngakuso isenzo esikohlakeleyo ungenziwa ngobunxamo, iti ngoko intliziyo yonyana babantu pakati kwabo inxamele ukwenza okukohlakeleyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwanaloo nto ingamampunge. Ekubeni isigwebo singawiswa kamsinyane emsebenzini ombi, ngenxa yoko intliziyo yoonyana babantu izele ngaphakathi kwabo kukwenza okubi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa enokuba ukugwetywa kwesenzo esibi akukukhawulezisi ukwenza oko, ngenxa yoko intliziyo yoonyana babantu izele kukwenza ububi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa isohlwayo setyala singàphunyezwa msinya abantu baqhubela phambili ukwenza ububi.