Ecclesiastes 8:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa akuyi kuba kulungile kokohlakeleyo, kanjalo, njengesitunzi, akayi kwolula imihla; ngokuba engoyiki ebusweni bukatixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kungalungi kongendawo, angayoluli imihla yakhe, njengethunzi; ekubeni engoyiki ebusweni bukaThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke yena ongendawo akayi kuhamba kakuhle, akayi kuyolula imihla yakhe njengesithunzi; ngokuba akamoyiki uThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Phofu ke, ngenxa yokuba izikhohlakali zingamoyiki uThixo, izinto aziyi kuzilungela, nemihla yazo ingòlulwa oku kwesithunzi.