Ecclesiastes 8:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuko okungendawo okwenziwa pezu kwomhlaba: okokuba kuko abalungileyo ekuhla kubo njengokwesenzo sabakohlakeleyo; kanjako, kuko abakohlakeleyo ekuhla kubo njengokwesenzo sabalungileyo. Ndati ukuba oku kokungendawo nako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kukho amampunge enzekayo ehlabathini: ukuba kukho amalungisa ahlelwa ngokokwenza kwabangendawo; kukho nabangendawo abahlelwa ngokokwenza kwamalungisa; ndathi, kwanaloo nto ingamampunge.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kukho amampunge enzekayo ehlabathini; ukuba kukho abantu abalungileyo abachatshazelwa ngumsebenzi wabantu ababi; kananjalo, kukho abantu abangendawo ababonakala ngokokwenza kwamalungisa; Nam ndathi ngamampunge.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, ikho into engamampunge eyenzekayo kweli hlabathi: maxa wambi amalungisa azuza isohlwayo sezikhohlakali, zize zona izikhohlakali zifumane indwe yamalungisa! Ndithi kwanaloo nto ngamampunge!