Ecclesiastes 8:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndancoma imihlali, ngokuba kungeko nto elungele umntu ngapantsi kwelanga, kupela ukuba atye, asele, agcobe: ngokuba oku kuya kuhlala naye ngomzamo wake, ngemihla yobomi bake ayinikwa ngutixo ngapantsi kwelanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndaluncoma ke mna uvuyo, ngokuba kungekho nto imlungeleyo umntu phantsi kwelanga, ngaphezu kokuba adle, asele, avuye; loo nto ithane mbende naye emigudwini yakhe, ngemihla yobomi bakhe amnikayo uThixo phantsi kwelanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndaluncoma ke mna uvuyo, ngokuba akukho nto imlungeleyo umntu phantsi kwelanga, ngaphandle kokuba adle, asele, avuye; ngokuba buya kuba ngumsebenzi wakhe, ngemihla yobomi bakhe amnikayo uThixo phantsi kwelanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke mna ndithi masonwabe, kuba ayikho enye into emfaneleyo umntu apha phantsi kwelanga ngaphandle kokuba atye asele azonwabele. Loo nto ke únokuyenza phakathi kwemizabalazo yakhe kobu bomi abuphiwe nguThixo kulo mhlaba.