Ecclesiastes 8:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
XESHEKWENI bendinikela intliziyo yam ukwazi ubulumko, nokugqala umsebenzi owenziwayo emhlabeni, ukuba kuko ongaboniyo ubutongo ngamehlo ake nasemini nasebusuku;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xeshikweni ndayinikelayo intliziyo yam ukuba ndibazi ubulumko, ndiwubone umzamo owenzekayo ehlabathini (ngokuba nasemini nasebusuku ababoni buthongo ngamehlo abo),
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa ndandinikela intliziyo yam ekwazini ubulumko nokubona umsebenzi owenziwa ehlabathini; (kuba kukho imini nobusuku, abuboni ubuthongo emehlweni akhe).
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa ndandizikisa ukucinga, ndifuna ukubazi ubulumko, ndiqwalasela ukubulaleka komntu kulo mhlaba – nditsho le nto yokuba amehlo akhe angabonani nokulala imini nobusuku –