Ecclesiastes 8:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ndandula ndabona wonke umsebenzi katixo, ukuba umntu ukohliwe kukufumana lowomsebenzi owenziwayo ngapantsi kwelanga; ngako oko umntu uyazamela ukuwufuna, angafumani noko; ewe, nokuba olumkileyo uti uyawazi, wokohlwa noko ukuwufumana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndasibona ke sonke isenzo sikaThixo, ukuba akanako umntu ukusifumana isenzo eso senzekayo phantsi kwelanga; nakubeni umntu esaphuka ukusifuna, akasifumani. Nokuba sithe isilumko safuna ukwazi, asinakufumana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndawubona ke wonke umsebenzi woThixo oyinyaniso, ukuba akukho namnye unako ukuwuqonda umsebenzi owenziwayo phantsi kwelanga; ngaphezulu koko; Nokuba isilumko safuna ukwazi, akasifumani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ndide ndakubona konke akwenzayo uThixo. Akukho bani onako ukukuqonda okwenzekayo apha phantsi kwelanga; noba selesenza yonke imigudu yokuphengulula akangeze akufumane. Nezilumko noba zingade zithi ziyaqonda, azazi nto tu!