Ecclesiastes 8:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Konke oku ndikubonile, ndanikela intliziyo yam kuko konke ukwenza okwenziwayo ngapantsi kwelanga. Kuko ixesha okuya omnye umntu apata omnye umntu kube kukwenzakala kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Le nto yonke ndiyibonile, ndayinikela intliziyo yam kwizenzo zonke ezenziwayo phantsi kwelanga, ngexesha athi umntu agunyazele umntu, kube kubi kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Konke oku ndakubonayo, ndaza ndayinikela intliziyo yam kuwo wonke umsebenzi owenziweyo phantsi kwelanga: kukho ixesha laxa umntu elawula omnye ukuze amenzakalisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yonke le nto ndiyibone xa bendiphicotha izinto ezenziwa apha phantsi kwelanga – nditsho into yokuba umntu abe negunya phezu komnye, kube buhlungu kuye.