Ecclesiastes 9:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba konke oku ndikubekele intliziyo yam, ndakulinga konke oku, ukuba abalungileyo nabalumkileyo, nemisebenzi yabo, basesandleni sikatixo: akuko mntu owaziyo utando notiyo; konke kupambi kwabo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba yonke le nto ndayinyamekela ngentliziyo yam, ndayihlela yonke le nto, yokuba amalungisa, nezilumko, nemisebenzi yabo, isesandleni sikaThixo; nokuthanda nokuthiya, akukhona ekwazini kwabantu; le nto yonke basebeyimiselwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndacinga ke ngentliziyo yonke le nto, ukuba ndiyithethe yonke le nto, yokuba amalungisa, nezilumko, nemisebenzi yabo, isesandleni sikaThixo; akukho bani waziyo uthando nentiyo kuyo yonke into ephambi kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ndithe ndisakuwuphonononga lo mbandela ndafumanisa ukuba izenzo zamalungisa kunye nezezilumko zisesandleni sikaThixo, phofu kungekho namntu waziyo nokuba ulindelwe luthando okanye ukuthiywa na.