Ecclesiastes 9:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
okokuba kanjako akuko mntu olazi ixesha lake; njengentlanzi eziṙintyelwayo elutanjeni olubi, nanjengentaka eziṙinciswayo emgibeni, njengezi bayatiyelwa onyana babantu ngexesha lelishwa, nxa libazumayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba umntu akalazi nexesha lakhe; njengeentlanzi ezibanjiswe ngomnatha ombi, nanjengeentaka ezibanjiswe ngomgibe, banjalo ukurhintyelwa kwabo oonyana babantu ngexesha elibi, xa libawele ngesiquphe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba naye umntu akalazi ixesha lakhe; njengentlanzi ebanjiswe ngomnatha ombi, nanjengeentaka ezibanjiswe ngomgibe; ngoko abantwana babantu babanjwa ngexesha elinzima xa libafikela ngequbuliso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena umntu akazi ukuba ithuba lakhe linini na. Njengentlanzi ebanjiswe ngomnatha ongenalusini, okanye intaka ebhajiswe ngumgibe, nathi bantu sisuka sixinwe yimin' embi esigubungela singayilindelanga.