Ecclesiastes 9:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
konke njengokuba kupambi kwabo bonke: kuko isihlo sinye kolungisayo, nakokohlakeleyo; kolungileyo nakongcwengileyo, nakonco̔lileyo; kowenza amadini, nakulowo ongenzi amadini: njengokuba enjalo olungileyo, unjalo owonayo; ofungayo unjengalowo owoyikayo isifungo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Izinto zonke zibahlela ngokufanayo bonke: sinye isihlo kwilungisa nakongendawo; kolungileyo, kohlambulukileyo, nakoyinqambi; kobingelelayo nakongabingeleliyo; njengoko anjalo olungileyo, unjalo nomoni; ofungayo unjengalowo ukoyikayo ukufunga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Izinto zonke zibahlela ngokufanayo bonke: esinye isihlo selungisa, esinye sibe sesongendawo; kolungileyo, kwabahlambulukileyo, nabangcolileyo; Kwalowo uhlabayo, nakongahlabiyo; njengoko anjalo olungileyo, unjalo nomoni; ofungayo, makabe njengokoyika isifungo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu bonke isiphelo sabo sinye: amalungisa nezikhohlakali, abalungileyo [nabagwenxa], abahlambulukileyo nabanomlaza, abawenzayo amadini nâbo bangawenziyo. Umntu olungileyo ufaniswa nomoni, nalowo wenza isifungo afaniswe nowoyikayo ukwenza isifungo.