Ecclesiastes 9:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Oku kubububi pakati kwako konke okwenziwayo ngapantsi kwelanga, ukuba kuko isihlo sinye kubo bonke: ewe, nakuba intliziyo yonyana babantu izele bububi, nobugeza busentliziyweni yabo nxa bahleliyo, boti noko emva kwoko baye ekufeni;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Le yinto embi phakathi kwezinto zonke ezenzekayo phantsi kwelanga, ukuthi sibe sinye isihlo kubo bonke; ibe nentliziyo yoonyana babantu izele bububi; ibubugeza entliziyweni yabo besadla ubomi; emveni kwabo kuyiwa kwabafileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kubi ke kuzo zonke izinto ezenziwayo phantsi kwelanga, ukuba behlelwa yinto enye bonke, kwanentliziyo yoonyana babantu izele bububi, ibe bubugeza entliziyweni yabo bedla ubomi, bazibulale ke bona yiya kwabafileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ezintweni zonke ezenzeka apha phantsi kwelanga eyona imbi yile yokuba kubo bonke isiphelo sabo sinye. Iintliziyo zoonyana babantu zizele bububi; bubugeza ezintliziyweni zabo lo gama besadla ubomi – ze kuthi kamva baye kwelabafileyo.