Ecclesiastes 9:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba abahleliyo besazi ukuba baya kufa; kodwa abafileyo abazi nanto; akuseko kubo namnye umvuzo, ngokuba inkunjulwa yabo ilityelwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba abadla ubomi bayazi ukuba baya kufa; ke bona abafileyo abazi lutho, abasabi namvuzo; ngokuba balityelwe, abasakhunjulwa nganto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba abadla ubomi bayazi ukuba baya kufa; ke bona abafileyo abazi lutho, abanamvuzo; ngokuba balityelwe, abasakhunjulwa nganto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku bona abaphilayo bayazi ukuba baseza kufa, kambe ke bona abafileyo abazi nto. Abasajonganga mvuzo, futhi ke sebelityelwe.