Ephesians 2:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko kumbulani, ukuba nina fudula ningabaheyideni enyameni nje, e‐kutiwa ningabanokungaluki ngabo kutiwa bangabanokwaluka okwenziwayo ngezandla enyameni,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoko ndithi, Khumbulani ukuba nina, enibe nifudule niziintlanga ngokwenyama, kusithiwa ningabangalukileyo, ngabo kuthiwa ngabolwaluko olwenziwe ngezandla enyameni:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke khumbulani ukuba nina nifudula niziintlanga ngokwenyama, nibizwa ngokuba ningabangalukileyo, ngabo kuthiwa ngabolwaluko olwenziwe ngezandla enyameni;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku yikhumbuleni imeko yenu yangaphambili ngelaa xesha naningabahedeni. Kwakusithiwa ningabangalukanga ngabo bolwaluko (lwaluko olo lulisiko nje langaphandle).