Ephesians 3:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa kum, endimncinane kwabancinane kubo bonke abangcwele, lwanikwa ufefe olu, lwokuba ndibushumayele pakati kwabaheyideni ubutyebi obungalandekiyo buka‐Kristu,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mna lo, unguyena mncinanana kubo bonke abangcwele, ndababalwa ngolo lubabalo, lokuba ndishumayele phakathi kweentlanga iindaba ezilungileyo zobutyebi obungalandekiyo bukaKristu;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Mna lo ungoyena mncinanana kubo bonke abangcwele, ndababalwa ngolo lubabalo, lokuba ndishumayele phakathi kweentlanga iindaba ezilungileyo zobutyebi obungalandekiyo bukaKristu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mna ndingoyena mncinane kubantu bakaThixo. Kodwa uThixo undinike ilungelo lokuba ndishumayele iindaba ezimnandi ezintlangeni, ndithethe ngobubele obungaphicothekiyo bukaKrestu,