Ephesians 3:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nokuba ndibonise bonke abantu into buyiyo ubudlelane bemfihlakalo, ete kwa sekuqalekeni kwamaxesha akudala yafihlelwa kutixo, owadala zonke izinto ngaye u‐Yesu Kristu;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndibakhanyisele bonke, bayibone into obuyiyo ubudlelane bemfihlelo ebifihliwe kwasemaphakadeni, ikuye uThixo owazidalayo zonke izinto ngoYesu Kristu;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ndibakhanyisele bonke abantu, bayibone into obuyiyo ubudlelane bemfihlelo ebifihliwe kwasemaphakadeni, ikuye uThixo owazidalayo zonke izinto ngoYesu Kristu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ndiqondise bonke abantu indlela esebenza ngayo imfihlelo yecebo likaThixo. UThixo onguMdali wezinto zonke walifihla eli cebo kuwo onke amaphakade adluleyo,