Ephesians 4:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa siti, sibamba inyaniso elutandweni nje, sikulele kwa kuye ezintweni zonke, oyintloko, u‐Kristu:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
sithi ke, sinyanisekile eluthandweni, sikhulele, ngeendawo zonke, kuye lo uyintloko, uKristu;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke sithetha inyaniso ngothando, sikhule ngeendawo zonke kuye, lo uyintloko, uKristu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndaweni yaloo nto inyaniso masiyithethe siqhutywa luthando, khon' ukuze siye simfuza uYesu ngokupheleleyo. Kaloku nguye intloko.