Ephesians 4:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
okuye uti umzimba wonke, ulinganiswa uhlanganiselwa kunye ubandakanywa nokubandakanywa ngawo onke amalungu kunikwa ukwonga ngawo, ngokwokusebenza okulingana nendawo zonke ezinye ngezinye, wenze ukukula kwawo umzimba uze uzake elutandweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ekuphuma kuye ukuthi, umzimba wonke uhlangane kakuhle, ubandakanywe ngako konke ukuxhomekelelana kwamalungu okuluncedo, okusebenza ngomlinganiso weendawo zonke ngazinye, ukhulise umzimba, use ekuzakheni ngothando.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ekuphuma kuye ukuthi, umzimba wonke uhlangane kakuhle, ubandakanywe ngako konke ukwabanayo ukwasebenza ilungu ngalinye, ukhulisa umzimba ekuzakhenise eluthandweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umzimba wonke uxhomekeke kuye; ilungu ngalinye limanywe namanye kuye. Ngoko ke le mbumba yamanyama ikhuliswa ngumsebenzi welungu ngalinye, izakhe ngothando.