Ephesians 5:33 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Noko ke nani abanye ngabanye, makati omnye nomnye enje njalo ukutanda owake umfazi njengokuba ezi tanda yena; naye umfazi, makahlonele indoda yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kodwa ke manithi nani ngabanye, elowo amthande umkakhe, njengoko azithanda ngako; umfazi ke makayoyike indoda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa ke manithi nani ngabanye, elowo amthande umkakhe, njengoko azithanda ngako; Umfazi ke makayoyike indoda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke ikwasingisele nakuni. Ngoko ke yonke indoda mayimthande umfazi wayo, kanye ngale ndlela izithanda ngayo nayo. Ngokukwanjalo ke wonke umfazi makayihlonele indoda yakhe.