Ephesians 6:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ukulwa kwetu kungengakuyo inyama negazi, kungakubo abanobupati, ngakubo abanegunya, ngakubo abapatilizwe bobumnyama belilizwe likoyo, ngakubo omoya benkohlakalo kwezasezulwini indawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba umzamo wethu asingowokuzamana negazi nenyama;ngowokuzamana nazo izilawuli, nawo amagunya, nazo iziphatha-hlabathi zobumnyama balo eli phakade, nayo imikhosi yomoya abakhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba umzamo wethu asingowokuzamana negazi nenyama; ngowokuzamana nazo izilawuli, nawo amagunya, nazo iziphatha-hlabathi zobumnyama balo eli phakade, nayo imimoya ekhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuba kweli dabi lethu asilwi nabantu, kodwa silwa nemimoya ekhohlakeleyo esesibhakabhakeni, izilawuli, nabasemagunyeni, kunye nemimoya engcolileyo yeli phakade lobumnyama.