Ephesians 6:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nani, zinkosi! izinto ezikwa zizo zenzeni kuwo, niyeka ukusongela: nisazi nje ukuba kwa neyenu inkosi isezulwini, nokuba akuko ukuketa abantu kuyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nani baziinkosi zabo, yenzani kwaezo zinto kubo, nikuyeke ukusongela; nisazi nje ukuba kwaeyabo neyenu iNkosi isemazulwini, nokuba akukho kukhetha buso kuyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nani baziinkosi zabo, yenzani kwaezo zinto kubo, nikuyeke ukusongela; kananjalo akukho kukhetha buso kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nani baphathi yenzani kwangokunjalo ngokubhekiselele kwizicaka zenu. Yekani ukusoloko nizigrogrisa. Khumbulani ukuba nina kwakunye nezicaka zenu ningabeNkosi enye esezulwini, egweba wonke umntu ingenamkhethe.