Esther 1:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuba bamzise u‐Vashiti ukumkanikazi pambi kwokumkani, enesitsaba sobukumkani, aze abonise abantu nenkosi ubunzwakazi bake: ngokuba ebemhle ukubonakala kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
mabamzise uVashti ukumkanikazi phambi kokumkani enonkontsho lobukumkanikazi, ukuba abonise abantu nabathetheli ubuhle bakhe; ngokuba ebeyinzwakazi, imbonakalo yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
mabamzise uVashti, ukumkanikazi phambi kokumkani, enesithsaba sobukumkani, ukuba abonise abantu nabathetheli ubuhle bakhe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wona wawayalela ukuba ezise ukumkanikazi uVashiti, ammise phambi kwakhe evathile, ethwele iqhiya yobukumkanikazi, khon' ukuze aqhayise ngobo bunzwakazi bakhe ebantwini ndawonye nezikhulu zakhe. Kaloku wayeyinzwakazi ethi ndijonge.