Esther 1:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula ukumkani wati kwizilumko, ezibe ziwazi amaxesha: (ngokuba belinjalo isiko lokumkani ebusweni babo bonke ababesazi umteto nokugweba:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waba noburhalarhume obukhulu ukumkani, bavutha ubushushu bakhe kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wandula ke ukumkani wathi kwizilumko ezaziwazi amaxesha, ekubeni isimo sengqondo sikakumkani sasinjalo kubo bonke ababewazi umthetho nokusesikweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Njengoko yayilisiko ukuba ukumkani athetha-thethane neengcali kwimicimbi yomthetho nobulungisa, naye ke wadlan' iindlebe namadoda azizilumko awuqondayo umthetho,