Esther 1:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nabakufupi kuye, ngu‐Kareshena, u‐Shetari, u‐Ademata, u‐Tareshishe, u‐Meresi, u‐Maresena, n o‐Memukane, inkosi zosixe̔nxe zase‐Peresiya ne‐Medi ezibe zibona ubuso bokumkani, ezahlala zizezokuqala ebukumkanini:)
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke ukumkani kwizilumko eziwaziyo amaxesha (ngokuba ibisenjiwa njalo into yokumkani phambi kwabo bonke abawaziyo umthetho nesiko; ababekufuphi kuye, ooKarshena, noShetare, noAdemata, noTarshishe, noMeres, noMarsena, noMemukan, abathetheli abasixhenxe bamaPersi namaMedi, ababebubona ubuso bokumkani, ababehlala ezihlalweni zobukhulu ebukumkanini), wathi,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngakuye ibinguKarsena, noSetar, neAdmata, noTarshishe, noMerese, noMarsena, noMemukane, iinkosana ezisixhenxe zamaPersi namaMedi, ezabubonayo ubuso bokumkani, ukuba zibe ngowokuqala ukuhlala ebukumkanini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
engawona ayintong' esekhosi kakumkani: uKashena, uShetare, uAdemata, uTashishe, uMeresi, uMasena, noMemukan. La madoda asixhenxe ayezizikhulu zamaPeshiya namaMedi, esondele ngendlela eyodwa kukumkani, futhi ekwezona zikhundla ziphambili apho embusweni.