Esther 1:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Memukane wati ebusweni bokumkani nenkosi: u‐Vashiti ukumkanikazi akonelanga ukumkani yedwa, koko oneleyo zonke inkosi, nabo bonke abantu abakoyo kuwo onke amazwana okumkani u‐Hasheveroshe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uMemukan phambi kokumkani nabathetheli, UVashti ukumkanikazi akaphosise kukumkani yedwa; uphosise nakubathetheli bonke, nakwizizwe zonke ezisemazweni onke okumkani uAhaswerosi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula uMemukane phambi kokumkani namaphakathi, wathi, Ukumkanikazi uVashti akone kukumkani yedwa;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uMemukan wamphendula ukumkani lowo zikho nezinye izikhulu, wathi: “Ukumkanikazi uVashiti lo akonanga ukumkani kuphela, koko uzonile zonke izikhulu nabo bonke abantu bamaphondo onke kakumkani uAsuwerosi.