Esther 1:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba le ndawo yokumkanikazi iya kupumela kubo bonke abafazi, bade badele amadoda abo emehlweni abo, kwakutiwa: Ukumkani u‐Hasheveroshe waxela ukuba makuziswe pambi kwake u‐Vashiti ukumkanikazi, kanti akeza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba le ndawo yokumkanikazi iya kuphuma, ifikelele kubafazi bonke, adeleke amadoda abo emehlweni abo, xa kuthiwa, Ukumkani uAhaswerosi wathi makeziswe uVashti ukumkanikazi phambi kwakhe, akeza.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba esi senzo sokumkanikazi siya kubonakala kubafazi bonke, bawadelele amadoda abo emehlweni abo, xa kuthiwa, Ukumkani uAsuwerosi wathi, mayiziswe phambi kwakhe inkosikazi uVashti, yenjenjalo ungezi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke esi simo sokumkanikazi siza kwaziwa ngabo bonke abanye abafazi, baze ke nabo bawadele amadoda abo, besithi: ‘Nkqu nokumkani uAsuwerosi ngokwakhe wathi akuyalela ukuba ukumkanikazi uVashiti eziswe phambi kwakhe wasuka wala ukumkanikazi ukuza.’