Esther 1:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba kunga kulungile kukumkani, makupume ilizwi lobukumkani kwa sebusweni bake, maliba̔lwe pakati kwemiteto yama‐Peresiya nama‐Medi, lize lingatshitshi, lokokuba u‐Vashiti angez’ angene ebusweni bokumkani u‐Hasheveroshe, nobukumkanikazi bake makabunike ukumkani kummelwanekazi wake omdlulayo ngokulunga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba kuthe kwalunga kukumkani, makuphume ilizwi lokumkani ebusweni bakhe, libhalwe emithethweni yamaPersi namaMedi, ukuze lingatshitshi, lokuba uVashti angabi seza phambi kokumkani uAhaswerosi, ukumkani abunikele ubukumkanikazi bakhe kuwabo olungileyo kunaye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba kubonakala kulungile kukumkani, mawuhle uye kuye umthetho wasebukhosini, ubhalwe emthethweni wamaPersi namaMedi, ukuze ungaguquki, ukuba uVashti akezi kwakhona phambi kokumkani uAhaswerosi; Ukumkani makanikele ubuncwane bakhe kolungileyo kunaye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngoko ke xa kukholekile kukumkani, umhlekazi makenze isihlokomiso ngokwasemthethweni, agunyazise ukuba sibhalwe kwimithetho yamaPeshiya namaMedi engenakuguqulwa. Isihlokomiso eso masimvalele ukumkanikazi uVashiti angaze aphinde athi cakatha kwibhotwe likakumkani uAsuwerosi. Kananjalo ke, ukumkani esi sikhundla sikaVashiti makasinikezele kumntu wumbi olungileyo kunaye.