Esther 1:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwoti kwakuvakala umteto wokumkani aya kuwenza kubo bonke ubukumkani bake, (ngokuba bukulu bona,) bonke abafazi bowanika imbeko amadoda abo, kwa namakulu namancinane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wothi ke wakuvakala umthetho wokumkani, aya kuwenza ebukumkanini bakhe bonke (ngokuba bukhulu), bonke abafazi bawabeke amadoda abo, kuthabathele kwenkulu, kuse kwencinane.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva komyalelo kakumkani uya kwaziwa ebukumkanini bakhe bonke (ngokuba bukhulu), bonke abafazi bafanele bawahlonele amadoda abo, amakhulu namancinane.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa sithe sabhengezwa esi sihlokomiso sikakumkani kuwo wonke loo mmandla wakhe ubanzi kangakanana, bonke abafazi baya kutsho bawahlonele amadoda abo, kuqalela koyena uphantsi kuye koyena uphezulu.”