Esther 1:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngowesitatu umnyaka wokupata kwake, wenzela zonke inkosi zake nezicaka zake isidlo: abamandla base‐Peresiya ne‐Medi, inkosi ezinkulu, nenkosi zamazwana, bebepambi kwake,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngomnyaka wesithathu wobukumkani bakhe, wabenzela isidlo bonke abathetheli bakhe nabakhonzi bakhe; xa impi yamaPersi neyamaMedi, amawaba nabathetheli bamazwe, bebephambi kwakhe;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngomnyaka wesithathu wobukumkani bakhe wabenzela isidlo abathetheli bakhe nabakhonzi bakhe; Igunya lamaPersi namaMedi, nabathetheli, nabathetheli bamazwe, baphambi kwakhe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku kunyaka wakhe wesithathu elawula wenza itheko ewonga izikhulu namaphakathi akhe. Kwelo theko ke zazikho neengqwayi-ngqwayi zomkhosi wamaPeshiya namaMedi, kunye namatshawe nezikhulu zamaphondo.