Esther 1:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku kwakuzaliseka imihla leyo, wandula ukumkani wabenzela isidlo bonke abantu ababeko e‐Shushane komkulu, kwa nabakulu nabancinane, imihla yasixe̔nxe, ebaleni lomyezo woxande lwokumkani:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ekuzalisekeni kwaloo mihla, ukumkani wabenzela isidlo bonke abantu abafumaneka eShushan komkhulu, kwathabathela kwabakhulu, kwesa kwabancinane, imihla yasixhenxe, entendelezweni yomyezo wendlu yokumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekupheleni kwaloo mihla, ukumkani wabenzela isidlo bonke abantu ababeseShushan komkhulu iintsuku zasixhenxe, kwathabathela koyena mkhulu kwesa komncinane, entendelezweni yomyezo wendlu yokumkani;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zithe ke zakuphela ezo ntsuku, ukumkani wenza elinye itheko elathatha isixhenxe seentsuku, lona elenzela kumyezo ongaphakathi apho ebhotwe. Lona ke wayelenzela umntu wonke, kusukela koyena uphantsi kuye koyena mkhulu, bonke ababelapho kwibhotwe laseSusa.