Esther 1:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nokusela bekungawo umteto; akwanyanzelwa mntu: ngokuba bekunjalo ukumkani ebemisele bonke abakulu bendlu yake, ukuba makwenziwe ngentando yabanye ngabanye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukusela kwaye kungokomthetho kungekho unyanzelayo: kuba wenjenjalo ukumkani ukumisela zonke izikhulu zendlu yakhe, ukuba enze elowo nalowo ngokuzithandela kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukusela kwakusemthethweni; bekungekho bani ukunyanzelayo, ngokuba ukumkani ubemise bonke abagcini bendlu yakhe, ukuba benze njengoko babefuna bonke abantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngokomyalelo kakumkani ke wonke umntu kwezo ndwendwe wavunyelwa ukuba ayisele ngendlela yakhe, njengoko ukumkani wayeyalele iinjoli zewayini ukuba zithungele umntu ngamnye ngangoko afuna ngako.